Bekunyakazela amaPolisa, abantwana bezikolo, OoNontlalontle, NPO’s, OoNyawontle nabahlali base Glenmore ngoLwesithathu, kulunyukiswa ulutsha ngobungozi beziyobisi KwiHolo lase Glenmore.
Ithi phantsi ngeziyobisi iKliniki yase Glenmore yade yafikelela ekubambeni isihikahika sendibano kwi holo lase Glenmore apho kulunyukiswa ulutsha lwase Glenmore. Abantu ebebepha bonwanyisiwe ngomculo nomxhentso. Umququzeleli obephambili uThuli Nameka ungumntu owaziwa nje abene sicaphucaphu xa edibene nomntu osebenzisa iziyobisi. Ulutsha luyaphela luyatshabalala ziziyobisi . Lidontsa mvva Kwizifundo, alubamameli ootitshala nabazali, luyeka Phakathi esikolweni, liba ngamaphara, liyawonqena amanzi.
Ethetha kulendibano ecebisa abatshayi ziyobisi ukuba mabayeke, abangekaziqali bangabisa ziqala. Uthetha ngokuba eluphulo lijolise kakhulu kulutsha olubalaseleyo kwingingqi ingakumbi amantombazana abalasele phambili lonto ibabangela uloyiko nokungcangcazela bengabahlali base Glenmore.
Igqiza eliphuma eBisho elijongene nolwaluko lichaze okokuba phambi koba inkwenkwe yoluke funeka afumane iphepha lolwaluko esibhehlele ligcwaliswe. Liqhube lathi eligqiza iziyobisi ziyaya naseMabhomeni lubangele abakhweta banga lulami msinya okanye baswelekele pha emabhomeni. “ Ixesha lokungena nokuphuma kwenkwenkwe lixhomekeke kwiNgcibi neKhankatha hayi abazali bomntana” batsho.
Amapolisa adandalazise athi obunye ubungozi beziyobisi kulutsha kukuba luba ngamaphara lungalawuleki lophule umthetho sibabambe ke thina






