Obebhala ngu : Amanda Mekuto
Umasipala wase Ngqushwa ebebambe imbizo ka Sodolophu (Mayoral Imbizo) ethe yanomtsalane, kunikezelwa ngezipho zokusebenza kooSomashishini, ntoleyo yenze iNcumisa Community Hall yagcwala yama ngembambo ingamayeyeye.
Umasipala wase Ngqushwa ebenesihikahika somnyadala obizwa ngokuba yi Mayoral Imbizo eNcumisa Community Hall, apho izithethi bezishiyana ngotyefezo zichankcatha kwimizila yemisebenzi eyenziweyo kwisithuba seminyaka emihlanu edluleyo oko bethu ngcu gcobho ezihlalweni.
Ngolusuku Lwango lwesine beluzole nase bukhweni bezinja ligqashu bhobhoyi likhuphu mkhovu etyeni. Idolophu yase Ngqushwa ibiphithizela ngabantu ungafunga uthi zimbovane zilungiselela ubusika. Ngeloxesha abantu base Ngqushwa bebexhabashele ethekwini ingu washiywa nowashiywa oko dyarho wamahashe. Izinxibo bezimbeje mbeje, kambi abanye benxibe imibhaco iinkokheli zither gxwa isuti namaqhina. INcumisa Community Hall ibigcwele ime ngembambo. Izipho eziya koosomashishini ( ikiriva, amaqokobhe wokufuya iinyosi, oomatshini bokuxuba ipayinti, izikhencezisi nezinye izipho) bezi pakishwe kakuhle ekoyameni kodonga apho ubunoku lahleka ucinge ukuba ungene kwi Hardware.
Ethetha kweloholo beligcwele yimncili uSodolophu wase Ngqushwa uSanga Maneli uthe nokonoko kuleminyaka imihlanu kunye negqiza lakhe bexhuzula imikhala umphicothi zincdwadi ubone loMasipala enencwadi ezicocekileyo noxa ekhona amachapaza apha naphaya. Uthe uyavuma inguye negqiza lakhe ukuba bazenzile izithembiso. Suke ngenxa yemali eshokoxekileyo abakwazanga ukuzifezekisa zonke izithembiso de lafikelela esiphelweni ixesha labo lokuxhozula imikhala. Uqhube wathi abantu abanenkozo abazidingayo ezingakhange zikwazi ukwenzeka izicelo zabo mabazijolise kwabazongena ezihlangwini zabo.
Kuye kwangena inqubo yonikezelo lwezipho kooSomashishini base Ngqushwa.
Izipho beziquka: Iikiriva, Omatshini bokuxuba ipeyinti, Iiharika, Omatshini bokuthunga, Nomatshini wokwenza izitena, Imihlakulo, Izikhenkcezisi, Namaqokobhe ofuya iinyosi nezinye. Bonke obubuxhaka xhaka bebunikezwa nguSodolophu uMnu Sanga Maneli.





